Product Description
Via Afrika isiXhosa Home Language Grade 8 Novel: Akukho kamva kuloo nto!
Format: Physical Hardcopy
UMpilo liwele kunye nodade wabo uPhila kwaye bathandwa kakhulu ngunina uNomandla. Usebenza nzima ukuze bafumane imfundo eyiyo. La mawele aneminyaka elishumi elinesine kwaye ngunyaka wokuqala lo efunda kwisikolo samabanga aphezulu. Kuhleliwe kamnandi kweli khaya de uMpilo wahlobana noHlumelo, inkwenkwe endala kunaye nesele iphumile esikolweni.
UHlumelo lo ke ebeyithwele intshinga ekuthengiseni iziyobisi kunjalonje engasakhathalele nokuba ngubani othethayo. UMpilo ungene waphelela kweli shishini, sele emana ukutsho ngamaqithi qithi eemali ezinkulu ekungaziwayo ukuba uwathathe phi. Lo mkhuba ubangele ukuba uNomandla aquqe ebuyelela esikolweni exoxa amatyala onyana wakhe endelelo kwiititshala.
Ingaba oku kukucimeka kwekamva likaMpilo eliyimfundo? Ingaba imigudu kaNomandla ezama ukunqwanqwada uMpilo iza kuwela phantsi?
Zifundele ke Mlesi uzihluzele ukuba ingaba likho na ikamva kule ndlela ithathwe ngala makhwenkwe.
For custom orders and quotes: shop@schoolspace.co.za
© 2026 Schoolspace. This product description is the exclusive intellectual property of the publisher, protected under copyright law. Unauthorized use, adaption, or copying is strictly prohibited.