Product Description
Via Afrika isiXhosa Home Language Grade 7 Novel: Masigoduke tata kaLuvo
Format: Physical Hardcopy
UThembile noNolwazi sisibini esitshatileyo esiseze ngobuso ezweni kwelo laseMbizana. Izinto zabo zibahambela kakuhle. Banengqilikazi yomzi omhle, baqhuba iinqwelo ezikudidi oluphezulu kwaye abantwana babo bafunda kwizikolo eziphucukileyo. UThembile usebenzela uMasipala waseMbizana njengoMlawuli omkhulu kaMasipala. Zonke izigqibo namagunya enziwa nguye kwaMasipala.
Nanjengomqeshi uThembile uye waqesha imbelukazi apha kwaMasipala egama linguThumeka njengoMphengululi Zincwadi Wangaphakathi. Baye basebenza kunye amaxesha amaninzi, nasezintlanganisweni behamba kunye kanti iindonga zizakuwelana. Ngomnye ulwesihlanu uThembile noThumeka baye bahamba kunye besiya entlanganisweni yooMasipala eMthatha, baza bavumelana kwelokuba bangabuyi koko bazikhuphele eMzamba ngaloo mpelaveki.
Kwelinye icala uNolwazi oyititshala ngokusebenza ushiyeke ekhaya nabantwana esazi nje ukuba indoda ayizubuya. Ugqiba kwelokuba ahambe nabantwana baye eMzamba. Zifundele ke mfundi uzivele, kaloku indaba yotyelo ayikholi.
For custom orders and quotes: shop@schoolspace.co.za
© 2026 Schoolspace. This product description is the exclusive intellectual property of the publisher, protected under copyright law. Unauthorized use, adaption, or copying is strictly prohibited.