Product Description
Senior African Writers Series: isiXhosa Home Language Novel Grade 8: Inzol'Enkundleni
Author: V Magadla
Format: Physical Hardcopy
Kweli bali kubonakaliswa ukubaluleka komthetho wase Mzantsi Afrika. Kudala uMzantsi Afrika wawohlulwe wangamazwana amancinane ingakumbi apho kwakufudula kuhlala abantu abamnyama bodwa.
Ngokomthetho onke la mazwana ayesiwela phantsi komthetho waseMzantsi Afrika. Ilizwana elalibizwa iTranskei nalo lalisiwa phantsi kwalo mthetho.
ETranskei ke kulapho eli bali laliqhubeka khona. Kuloo ntlaninge yezizwana zelo zwana laseMzantsi Afrika ikwanjalo ukuba mininzi imithethwana namasiko athi alandelwe sisizwana ngasinye.
Kodwa liyanquma inqatha kwakugqithelwa kwiinkundla eziphakamileyo; kuba apho umthetho mnye kwaye awukhethi bala lamntu.
For custom orders and quotes: shop@schoolspace.co.za
© 2026 Schoolspace. This product description is the exclusive intellectual property of the publisher, protected under copyright law. Unauthorized use, adaption, or copying is strictly prohibited.