Product Description
Sijuxuza eluthulini (isiXhosa novel translation)
Format: Physical Hardcopy
UTihelo ominyaka ili-13 wayehlala nodade wabo kunye nonina owaye esebenza emakhitshini. Babehlala kwilokishi yaseWitwatersrand phaya kwiminyaka ye-1980.
Eli yayilixesha leetoyi-toyi ezikolweni, ikwalixesha lokutshikilelwa kwesikolo ngabafundi kwanokubulawa kwabo ngamapolisa. UTihelo ufuna imfundo kwakunye neziqhamo anokuthi axhamle kuzo, kodwa uzinikezele kakhulu kwidabi lokulwela inkululeko.Zikho ke nezinye izinto ezisengqondweni yakhe ukwahlukana kwakhe nomhlobo wakhe osuke waya kufunda kwisikolo esifunda iintlanga ezininzi (multi-racial school), ukukhulelwa kukadade wabo kwakunye nokuthandabuza ukuba ngenene uzalwa ngunina wakhe ngenxa yolusu lwakhe olukhanyayo ukudlula wonke umntu wakowabo.Ekugqibeleni uTihelo ukhule wayintombi endala enamaphupha,kwaye unenjongo zokuba nekamva eliqaqambileyo.
Umbhali: UKagiso Lesego Molope UKagiso ufunde eUCT nakwezinye iiyunivesithi eziseUSA egxininisa kakhulu ekwenziweni kwemiboniso bhanyabhanya nakumalungelo oluntu. Umse benzi wakhe uqu ka ukuququzelela ikonsathi yemini ebizwa ngokuba yi World Refugee Rights Day , ukufundisa isiNgesi nezifundo zeMbali kulutsha olusemngciphekweni.
Ebengumhlohli ongahambisaniyo nocalucalulo ngokobuhlanga. Ukhe waququzelela inkqubo yokuxhotyiswa kwamakhosikazi kubuchule bokumelana nomsindo, kunye nempilo emalunga nezesondo.Le noveli lilinge lakhe lokuqala kwaye ibonisa izinto ngezinto athe waphumelela kuzo.
For custom orders and quotes: shop@schoolspace.co.za
© 2026 Schoolspace. This product description is the exclusive intellectual property of SA School and Office Supplies (Pty) Ltd, protected under copyright law. Unauthorized use, adaption, or copying is strictly prohibited.