Product Description
SALE - Oxford Ukhanyo Yomfundi Ibanga 6/Grade 6 Learners Book (isiXhosa)
Author(s): L. Caga, N. Magwaxaza, Z. Matshingana, P. Mpengesi, N. Mqotyana, X. Taleni
Format: Physical Hardcopy
IOxford Ukhanyo iqulathe izifundo zoLwimi lwaseKhaya kwaye isetyenziswa ngootitshala kuMzantsi Afrika uphela. Iyazifezekisa iimfuno zeCAPS kwaye inceda abafundi ekubeni baqhubele phambili kumaBanga omathathu esiGaba esiPhakathi.
Le ncwadi isebenzisa iindlela zokufundisa ezahlukeneyo eziphuhlisa izakhono zolwimi neziza kuncedisa abafundi ukuba banxibelelane ngendlela echanekileyo.
Features:
-
Sebenzisa IOxford Ukhanyo kuba: isikhokelo esicacileyo malunga nokulawulwa kwegumbi lokufundela sinceda utitshala ukuba akwazi ukucwangcisa izifundo ezilungiselelwe abafundi abahlukileyo ngokobukrelekrele
-
Ukufezekiswa kweemfuno zeCAPS nomxholo otyebileyo kwenza ukuba abafundi bafunde ngokuzithemba futhi bayiqonde ngcono imiba yolwimi
-
Ulwimi olusetyenzisiweyo luyafi keleleka kwaye luhambelana nomgangatho wabafundi, nto leyo eyenza ukuba baqonde ngokulula imiba yolwimi kwakunye nemisebenzi
-
Isikhokelo esicacileyo sokuhlola sinika abafundi ithuba lokubona inkqubelaphambili yabo futhi bakwazi nokulungela ukuhlola okwenziwa liSebe leMfundo kwiBanga lesi-6
-
Imisebenzi eyahlukeneyo iphuhlisa isigama sabafundi, ukufunda ngokutyibilikayo ze ibancedise nasekuqondeni ulwimi
-
Imisebenzi neetekisi eziqulunqwe ngendlela eyiyo zibonisa inkqubelaphambili kuba kusetyenziswe ezilula nezaziwayo ekuqaleni kwencwadi ze kwasetyenziswe ezinzima nezo zingaziwayo phakathi ukuya ekupheleni kwencwadi.
For custom orders and quotes: shop@schoolspace.co.za
© 2026 Schoolspace. This product description is the exclusive intellectual property of the publisher, protected under copyright law. Unauthorized use, adaption, or copying is strictly prohibited.