Product Description
Isisombululo Sethu isiXhosa Ibanga 12 Incwadi Yomfundi
Format: Physical Hardcopy
Isisombululo sethu isiXhosa uLwimi lwaseKhaya iphuhliselwe ukuxhasa isiqulatho (ulwazi, imiba nezakhono zobuchule) esiqulethwe kwiNgxelo yeKharityhulamu yeSizwe (National Curriculum Statement - NCS), njengoko sicwangcisiwe kwiNkcazelo yePolisi yeKharityhulam nokuHlola (Curriculum and Assessment Policy Statement-CAPS) yesiXhosa Ulwimi Lwasekhaya.
Isisombululo sethu isiXhosa uLwimi lwaseKhaya Incwadi Yomfundi icwangciselwe ukuxhasa ukufundisa nokufunda eklasini yeLwimi Lwasekhaya ngokunika zonke
izifundo ezifanele ukufundiswa nokwenziwa eklasini kwisifundo ngasinye semizuzu ephakathi kwama30-120. Kwisifundo ngasinye abafundi baya:
• kufumanisa asebekwazi ngesihloko
• kufunda iinyaniso ezintsha ngesihloko
• kuziqhelanisa ngokusebenzisa ulwazi olutsha, imiba nezakhono zobuchule abazifunde kwisifundo.
Ukongeza, abafundi banikwe:
• eminye imisebenzi enokonziwa ekhaya
• imisebenzi eyongezelelweyo encedisana nomfundi ofumana ubunzima kunye
• nalowo ofuna ukutyebisa ulwazi lwakhe.
• isishwankathelo somsebenzi ubusenziwa. Singanomsebenzi weveki nganye nangaphezulu.
Isisombululo sethu isiXhosa uLwimi lwaseKhaya Incwadi Yomfundi ixhaswa
• Isikhokelo Sikatitshala
Esi sifundo sinako konke okudingwa ngutitshala nabafundi ukuze bachane isiXhosa kwibanga 12. Isisombululo sethu isiXhosa ulwimi Lwasekhaya: isisombululo esipheleleyo saseklasini!
Close
For custom orders and quotes: shop@schoolspace.co.za
© 2026 Schoolspace. This product description is the exclusive intellectual property of SA School and Office Supplies (Pty) Ltd, protected under copyright law. Unauthorized use, adaption, or copying is strictly prohibited.