Product Description
Isahluko sokugquibela
Author: Zibela Sisusa
Format: Softcover
Sanlam Prize for Youth Literature: silver (2000) Ngenxa yokunyolukela ubutyebi nanko uThemba, unyana kaSaphetha, elukuhlwa nguBongani ukuba mabalahle isikolo batshe nezwe. Nabo beshiya amakhaya abo kuQumbu besinga eMthatha.
Kule dolophu izinto azibahambelanga kakuhle konke ngenxa yokungabinaso isitshixo sobomi, imfundo. Emva kwamahlandinyuka eMthatha bandulukile baya kuwa kuKomani.
Nalapha izinto zibe mbi ngakumbi. Ngeli xesha ilizwe liyatshintsha kwezopolitiko.
Kwangeli thuba uBongani uyibamba itshisa aye kuwa kumzi weBhulu limalusise iigusha zalo. Emva ekhaya banxunguphele kukuyeka isikolo kukaThemba.
Udadewabo uNomfundo yena uqhuba kakuhle kakhulu esikolweni. USaphetha uva umkhondo kaThemba.
Esakufika kuThemba akaphathekanga kakuhle konke.Ngeli xesha uThemba uvana netitshalakazi enguMelinda. Akubanga kudala le mvano yamuncu.
Thembandini uphelelwe emsebenzini, kwakubi kuye. Le nguqu nakuBongani sele yenzekile.
For custom orders and quotes: shop@schoolspace.co.za
© 2026 Schoolspace. This product description is the exclusive intellectual property of the publisher, protected under copyright law. Unauthorized use, adaption, or copying is strictly prohibited.